Kumaxa uphi na wena ngoku kum
Ukude kangakanani kum ufika
Kudala ndikukhangela awude
Ufumaneke kudala ndikujongile
Awude ubonakale ndiman’
nkqonkqoza kwiintliziyo
Ezininzi

Ndivulelwe kanti andamkelekanga
Ndinkqonkqoze ndingene kwindawo
Engandifanelanga nditsho ndibone
Ukuba lentliziyo andiyidalelwanga
Ndizakuqhubekeka ndikukhangela
Ndizakumane ndikufuna

Andizokudinwa ndizakujonga
Ndizawude ndikufumane apho ukhoyo
Uphi na? Ndizokunika ixesha lam
Undawoni na? Ndizokuphokozela
Uthando lwam vela ukuze nam
Ndizokumisa ngawe sondela kum
Sithandwa ndizokonwaba
Nam ndikhangela wena wedwa
Ndingakufumana phi mna ndedwa
Yiza kum mna ndindedwa
Emhlabeni ndifuna wena wedwa