Xa litshona ilanga ntliziyo yam ibabuhlungu.
Kuba kaloku kwakufika ubumnyama ithemba liyaphila.
Kuba kaloku ndoyama ngodonga ndijonge esangweni,
Ndithembile ukuba uzode angene esangweni.

Ndinambuzo undityayo uphi na owam utata?
Bambi bathi ukwa ndonga ziyaduma,
Xandi buza umama zivele zehle inyembezi kuye.
Ntliziyo yam ilihlwili, konwaba akukho.

Zidwesha nani zinkonde mboniseni indlela.
Ikhaya aliselilo ngaphandle kwakhe.
Ndiqamelela ngengqiniba, kuba kaloku umqamelo ulitici.
Andilali Kuba kaloku ndityatyushwa zingcinga.

Ubomi buyandithwaxa kuba kaloku awukho.
Indlela eziya ebudodeni akhange ndizifunde awukho.
Ubomi bundibonisa amahla ndinyuka.
Ndicelile kuqamata,umvelinqaba akukhombe ‘khaya.

Uphi na owam utata xandibetheka kanje?
Sendiphenduke etywaleni kuba kaloku ndisusa iintlungu.
Iziyobisi ndilala ngazo ndivuke ngazo,
Kuba kaloku ndidandathekile, ndifuna impendulo.