Kanene bangakanani na abaqeshwa bakaBawo
Abadikwa zizonka? Naku ke mna ndiphela yindlala;
Ndiyakusuka ndiyekuBawo.
Ndithi kuYe, ndonile emehlweni aKho;
Ndizenzile izinto ezinxamnye nentando yaKho.

Ndicela undifake kulo loliwe waKho,
Mayiguqulwe eyam intando ifaniswe naleyo yaKho;
Mazihlanjwe izono zam ngegazi likaNyana waKho,
Ndiphakathi kwamadabi andithandabuzisayo,
Kungoko ndisiza phambi kwaKho,
Noxa ndiliyaka-yaka, ndiyeza phambi kwaKho.

Ndingunyana wolahleko, Bawo, ndixolele;

Imela esitratweni igobel’ esandleni,
Imifanekiso engalunganga ihlala ivela engqondweni;
Azipheli iintlungu zenyama nezasemphefumlweni;

Ewe ndazalelwa esonweni,
Kodwa andisayi kufela kwasesonweni
Ndiyekeni mna ndisebenzel’uBawo
Ndiyekeni mna
Ngosiba lwam ndizobhala de kutshone amalanga.