Uyimbelukaz’ emanz’ andonga.
Umlamb’ ongawelwayo, owelwa ziinkonjane kuba zindiza phezulu.
Mamela ke ntombi yasemathileni sihlinz’ impuku.

Bopha sisi ufinyez’ umbhinqo.
Val’ amathang’ uvul’ ingqondo.
Akhon’ amaRhamncw’ azingel’ igugu labazali bakho.
Akhon’ amaRhamncw’ azingel’ ubuntombi bakho phandl’ apha!

Oongxwelerh’ imiphefumlo
Ababulal’ imizwa bezimele ngothando.
Lumka ke ziingcuk’ ezombeth’ ufele lwegusha.
Oomlomo mnandi abath’ ehlotyeni bafun’ esemathanjeni.
Ukant’ ebusika bazingel’ ezityetyisiweyo.

Bath’ emnandi yebiwayo
Ebiway’ iquleth’ ukufa.
Ntomb’ omXhos’ ulibhongo
Igugu neqhayiya
Zijong’ aph’ uhamba khona hlez’ ulixhoba.

Val’ amathanga ukuze kungachum’ izisu kuvel odingezwen.
Val’ amathanga ukuze kungachum’ ugawulayo kuvel’ umbulalazwe.
Isilo sesondo siphumile sizingel’ ixhoba’ esingaliqwenga.
Yhooo! Kazi lorhwalala nobani na.
Ubusik’ ixesha lamanyala namanyundululu lufikile.

Vala ke ntombi yasemathileni
Ndithi vala ke ntomb’ omXhosa konakele phandl’ apha!
Kudala ndithule ndilozele kusonakala.
Elingakhali lufel’ embelekwen.
Inkululeko ivelele abakhalayo
Intyatyambo zelizwe ziyaphela