Ibiyintombi emnyama ngokwebala
Intle, ituku-tuku
Ingumntu lo ungaluthandiyo uchuku
Namhlanje ebusuku
Bazithathile kuye ezakhe iintsuku

Ndithi kuni bambulele uNomathemba
Ababantu bamxhaxhe ngoocelemba
Okwenyama kwitheko langoDisemba
Ow! Yini! uNomathemba

Le ntombi izalwe yakhulela kwaLanga
Kodwa umphefulo uye waphelela eNyanga
Ibinelizwi elimnandi, xa isiza ubuyiva ngengoma
Bayibulalele isiphiwo sayo sobu sangoma
Intliziyo yam ishiyeke neduma, inxeba nengongoma
Bambulele uNomathemba
Bemthyola ngentakatho
Kuba wavuma intwaso

Kulombongo ndivumeleni ndithethe inyaniso
Ukhuthwasa liwonga nebhaso
Ayisiso isiqalekiso
Ndicela nithathe lengcebiso
Nibone ngalomaso
Niyeke ukubulala izangoma

Thyini! Bayaphi Ubuntu, sabulalana sodwa siluluntu?
Sinqula uthixo wabanye abantu
Sinyemba inkolo zakwantu
Amade ngawetyala ndizakunzitha
Kodwa mandithi: lala ngoxolo Nomathemba