Andinguye ubani
Andinguye, undinguye
Ndingunomandla

Amandla asuke’ zantsi ekuzinzeni kwengqondo
Ndithi ndowaphuthuma kube ngathi ndishiywa zingqondo, kube ngathi ndiphila iphupha.

Amandla engqondo adlula amandla omlomo ngoba umlomo nguzwilakhe, uthetha kuthethwa uthuliswa ngehlelo.

Ndingubani ke?
Ndingunomandla, ucingenze, ubheka phambili angabuyi ngamva, uqandwa zintaka, ntinga ntaka
Ntinga’ mandla omthombo osuka kwincambu yentloko
Ze amandla engqondo agingqize akhuphe lombhalo.

Ndilithintitha ke kodwa amandla omlomo othetha kuvokotheke ekhupha amandla engqondo ndinguyeke, unomandla