Cwakaa!
Uthule wena.
Kuthen’isizwe sitshabalala nje?
Awungowogxekwa kodwa wena,
kaloku isitalato sinefuthe emntwaneni.

Nangoku ayinguwe wedwa ongxolisayo endlini kulemihla yanamhlanje.
Kakade nguwe onamava ebomini,
ikwanguwe owaziyo ekuqulathwe sisitalato.

Unothando ke khona,
Kaloku ubanexhala xa engabuyi kwangethuba umntwana endlini
“kubi phandl’apha kwaye ilizwe lonakele” utsho wena.