Ukuwa komth’omkhulu
Umoya uyazenzela ngoba akabinandawo yobetheka.
Kuthi kwakutshaza ngenxa yembalela
Sibone ngamaqhabi avithukileyo anebala elimdaka.

Zikhuselekile ke izindlu kwimimoya emikhulu ngenxa yakho.
Uyahluma ke emva kwesiphango semvula uqhakazele ubenjeya.

Usipha oyena mthunzi upholileyo
Thina, imfuyo kunye nezilwanyane asilungi emalangeni atshisayo.
Ukuwa kwakho kukulahlekelwa kuthi.