Molweni emtyantini
Umthandazo wenkedama

Bawo Somandla
Yiba nomoya wabazali bam abangasekhoyo
Bagqunyelelwe bembeswa kwisisu
Salomhlab’ umagad’ahlabayo
Khanyisa indlela yam
Xa ndihamba kwisithokothoko sobumnyama
Ndambese undikhusele
Xa ogxa bam behlekisa ngam
Yiba ngumkhuseli wam
Ndakuba sisigculelo somvandedwa nokungaziboneli ntweni
Yosula inyembezi zam Thixo ndakuba sisigculelo ebantwini
Ndange ngalo maphiko akho
Ndakuphelelwa ngamandla okuqhubekeka nobomi
Ndithandaziseni zingelosi xa ndinoxinezelelo nokudideka ebomini
Thambisa uthuthuzele umoya
Wabo bajongene ntsho negcwaba
Yombelani nicule nam
Bazalwane nodade
Xa amalevula ezenzela emlonyeni wam
Ndenze ndibulele unamhlanje
Ngoba ungomso uyacotha ukuza
Ndosuleni inyembezi xa maxa wambi inga nditsala umxhelo okokugqibela
Maxa wambi inga ndindedwa kodwa ndiyazi unam wena
Ithemba lam ndiliphosa kuwe
Ndibakhumbula ngokwenene abazali bam
Wanga ungandembesa phantsi kwamaphiko akho Bawo ngoku nangonaphakade
Amen