Nto’ndini ebulala izizwe ngezizwe,
Ungumdali wengcinga ezingahlambulukanga.
Bayaphasalala abahlobo ngenxa yakho.

Intshaba ezininzi zize nawe kweli.
Ulivulile ke ithanda kwimizi emininzi nakwi hlabathi jikelele,
Kalok’ulapho kukho umntu khona
Kodwa umntu akay’indawo nguwe.

Ulichithile ke ixesha labaninzi,
Akuqheleki, ungathandeki unjalo.
Nguwe unobangela wezinto ezininzi ezingalunganga.