Umhlaba lo uzindindi zininzi
Umhlaba lo uyojikeleza
Ikwangulo simikuno thina lutsha
Ikwangulo unentshabo zethu
Nina seniphambili qinisekani ngenikufunayo
Yazini into enilungeleyo nifundise nathi
Sihlahleleni indlela eya empumelelweni
Sikhanyiseni isibane senu uzenathi sibone
Nina bakwibanga leshumi ningumzekelo
Nilulutho kubantwana abezo emva kwenu
Nikwalulutho kubazali benu
Nisisibane esikhayisa indlela eya ebomini
Umhla nezolo nijongise imibombo ezikholweni
Imini nobusuku nijolise amelise ezincwadini
Konke oko kubonisa impumelelo yenu
Kubonisa indlelo eya ebomini obungunaphakade
Cingani ntonye ezingqondweni zenu (Ikomva)
Cingani abazali abanikhulisileyo
Zixelelenintonye ukuba nizakususa ikati
Cziko kuma khaya enu
Baboniseni ubunina abazali benu
Hambani maqhawe asekhayelitsha
Hambani maqhawekazi nani maqhawe
Ase Mattew Goniwe High
Nibuye nempumelelo ezandleni zenu
Nibuye ndwazi oluzakuthi luncede nathi
Namhlanje ningamabhongo ethu
Nomhlanje ningamabhongo esisiqithi
Nyusani ikavusi zenu sekukufuphi ngaphambili
Nikani umonde ixesha lakhe
Bonisani inzondelelo ebomini
Sesifikele nathi sifuna ukungena kwezo-
Zihlangu zibila akwamanzomdaka
Sibambeni isithe mbiso senu enasibekayo
Mhla naqala ukufunda
Siyaziqenya ngani bantakwethu
Buyani nayo le mfundo eMzantsi
Yibuyiseleni encochoyini iMattew Goniwe High
Mayaziwe zizizwe ngani
Bonisani ubukhokheli benu kwesizukulwana