Ndithetha kuvakale
Ndithetha kuvokotheke
Ndiyaqiqa ndiqiqisise
Ndiyaqonda ndiqondisise.

Ndiyeke ndityatyadule ndenjenje.
Ndixobul’ ixolo kuxananaz’ amanzi.
Ndixovul’ ingubo kuxol’ amaxelegu
Intliziyo yam ixhuma kuxhal’ uxam
Ndiququzela kuqhum’ uthuli.
Ndingqisha kuqhawuk’ unobathana.

Andingxengwangwa andivangwangwa.
Kaloku ndinguMxhosa Xho ndiXhosekile
Ndiyazidla ndiyazingca ngolwimi lwam
Ndinegugu neqhayiya ngolwimi lwam.

Mamela ndikutyele
Isixhosa siyanambitheka
Bubuciko bamaqhalo nezaci
Ulwimi lwam ndiluthanda andizenzi.
Ndincum’ olugoso uncumo

Isixhosa kaloku asitolikwa
Ingwe izidla ngamabala
Ulwim’ olumnandi
Ulwim’ olungcwengileyo
Ulwimi lwenkobe