Thambo kudala beliqongqotha.
Makad’enetha engena dyasi.
Bheshu ekudala belicwaya.
Bheshu ekudala belizama libe livika.
Mpandl’ekudala itshiswa ngamalanga.
Nyaw’zinde kudala bemsukela.
Kungakho umgquba, imfuyo ikhona.
Sithotho sihamba nohlobo.
Mbhalo omde kuya le.
Odida abadakumbileyo.
Zwesha, kiti, mnkumba.
Mlungu olungile, ngoba nale, zange ndiyilinde.
Lento ndiyinikwa ligazi.
Zange ndiqale nasesifundwen’.
Ndayincanca ebeleni.
Ndibulela owanyamezela inyanga ezisithoba endikhusele.
Kuwe mama,kuwe tata,
Enkosi.