Bayintlekisa ekuhlaleni
Ubasisigculele sentshaba
Basisigculele nakwintsana
Uyincoko kwizinhanha
Ubayinkomo edla yodwa
Kuphungwa ngewenu ngomama bebhatyi
Uyangcungcuthekiswa ekuhlaleni
Uzindaba nakumanxila
Uba ngu mahamb’ehlala,
Ikhuko labatshakazi
Ubanesicanulo kuluntu
Zange watheng’amabhodlo
Inkung’ilala kwintaba
Ngentaba
Ungahleki tshaba lwam ndizawuvusa
Umendo wam wobahele-hele
Amazinyo ayobazi nyanda
Suthi vuka ngembinini yam
Sulavuza ngendonga zasekhaya
Siyoma isityalo
Siphinde simili
Izakuna imvula livuke ikhaya