Ukulunga kwam, kundilimazile
Ukuthobeka kwam, kundishiye ndilixhoba
Lo ntliziyo imvuzemvuze bububele, iwonakalisile umphefumlo wam.
Ndilixhoba ngenxa yakho kulungandini.
Umbuzo umile ndithembe bani?

Ndizibhaqe ndisisigculela sabantu
Bendinawo amehlo kodwa, ndikhethe ukuba yimfama
Bendinawo umlomo wothetha, kodwa ndikhethe ukuthula
Ndivile ngendlebe kodwa ndenza ngathi andivanga.

Ndithembe bani?
Nyamezela kuzolunga, ndizithuthuzela ngelitshoyo
Kanti kukhona ndizonayo.

Ndibe lixhoba ngenxa yakho kulungandini
Umoya wam wophukile.
Ukulunga kundenze ixhoba
Ukulunga kundenze ndangathembi mntu.

Uyonile intliziyo yam, kulungandini.
Ukulunga kwam kundenzele ntoni?
Ukulunga kuyondifaka kwibhokisi ndiphila.
Ukuthobeka kundishiye noxinzelelo olumandla.

Ukulunga kwam kundilimazile