Sekwabhubh’ inimba na?
Sekwanqongophal’ ubuntu kusini na?
Ebugxwayiben’ uthiwe nyhaa.
Enkunkumen’ ubekiwe.
Engqelen’ usindisiwe.
Ekufen’ uhlanguliwe

Izinja zimnukisa zingazi nto
Zibhidwe ngumhlol’ omnyama
Umnt’ ukh’ ahlal’ enkunkumeni?
Ekuseni ngonyezi madoda
Lwachachathek’ usan’ empengempengeni.
Ingunam nawe kudyojwana.
Nkohlakalw’ enje yenziwa ngubani?
Nay’ ebuzis’ engazi nto phakathi kwabo.

Uthwel’ iinyang’ ezingakanana
Engathandw’ ityiwa nobinjani
Wanyamezela noko kunjalo
Isiqhamo namhlanje sikhona
Silahlwa sisitsha madoda

Zinja zimgragramela zimbanga
Yen’ uncum’ esolul’ isandla
Thando lungaka luvela phi na?
Kanti namhl’ ulixhoba.
Ulixhoba kunin’ emzala.

Nimb’ if’ umnt’ angakhathali
Nob’ uzel’ indwaluthw’ eze nodumo.
Nimb’ if’ umnt’ angakhathali.
Nob’ uzel’ umhlanguli wezizwe namazwe.
Ukufa kwenimba