Kwakunyanzelekile ehambile.
Kaloku ikati ibilele eziko.
Ubunkenenkene kusapho iyinto eqhekileyo.
Bona ukruthwakruthwano nqwa neenkunzi kwisibaya esinye.

Xa ehamba ushiya ithemba kuba uthembisile.
Incwadi enik’ithemba ifikile.
Umnini ncwad’enik’ithemba akathembisi ngombuyo.
Intsokolo kwintsapho inochatha.

Yena uye wayolelwa walibala.
Ikhaya lanxunguphala lalibala.
Ubumnandi bujike bayincindi yekhala.
Zamhla amahlongwan’iziyobisi.
Saa usapho luzama impilo.

Dyulukudu yena uwushiye omagadahlabayo.
Ewe sekunjalo impilo iyaqhubeka.
Kulomanzithinzithi.
Yafuthuza nee ntuku kodwa inzuzo yangumhlaba omtsha ococekileyo.
Kungani na ungenakutyhoboza de uvel’empumelelweni?