Ndiphakathi kweBhayi neTinarha kwelodumo ungadideki ungathintilizi, zonke zehla emntwini, uhamba kubona mntase hayi umbona…

Bekuke kwathwa impundu ziyavimba inyawo ziyapha, ndiluthathile uhambo ndingabuyi ngamva…

Kujika isiyoyo endleleni baqhubeke ozidlayo endleni…
Mna uyintonina? Akhomntu ungumntu yedwa kodwa ndiziva ndingumntu oyedwa koluhambo…

Kuthwa uhambo luyazilawula.
Ndiyekeni ndibhude ndidandatheke.
Akhomazwi ndinowaphosa, uchaza uhambo.
Kodwa ndiphakathi kweBhayi neTinarha.

I’m speaking in riddles, ndixela uhambo.