Ndingaqala ngaphi na ukukuchaza ntondini?
Uyinkwenkwezi enomsantsa phakathi kwezinye,
Njengokuqaqamba nokufiphala kwazo
Kodwa uyichithile imizi yabantu,
Hayi andisayibali ke yona i inbox nonjandini
abaqhasayo,
Wenza abantu baphambane aph’entloko
Baxele ookhehlel’esingeni bafune umhlola,
Ngenxa yongakwazi ukuzilawula
Bade bazive sebefun’utola,
Nabafundisi abembethe ezinde izambatho
Ndibabonile apha,
Andiyazi noba ulilo na oludondolo
Eliyakonyul’uMosis ezingcongolweni,
Abantu ezindaweni zamawonga,
Nasemingcwabeni abasalawuleki
Kuba kaloku ucufwa ngozipho oku kosenza,
Iqale nini na lento inje ukuchitha-chitha?
Bangaphi na osele ubabulele ntondini yaseNtshona?
Zingaphi na iinkedama zabumini,
Ngenxa yale inbox idibanisa abangazaniyo?
Bancokole oomaka nantsi nootaki nantsi kuvanwe,

UMzonts’oNtsundu uza kufel’enkonkxeni ngenxa yakho,
Bantu ndiyanqanda
Lomgqakhwe uxhaphe igazi labantwana bakaNtu.
Nqandani zinyanya zakowethu intlekele yehlile,
Ndiyaziva mna izingqi zochitha-chitho,
Zingqingqiza zigqekeza iindonga,
Sisinga phi na isizwe sakowethu?
Selwa lini na eli lingomiyo?
Uphi na umthombo wakho ntondini?
Sizokutshabalalisa ufe fi?
Kuba ungumhlaza ,
Wokubulala isizwe sakowethu.
Kumane kusithwa sikhululekile,
Sikhululeke phi
Iingqondo zethu zisantanywe zaqamangelwa ngamatyathanga asengqondweni afana nala?
Vukani mawethu sekusile
Vukani madoda liphumil’ilanga.
Vuka-a-a-ani!!
Nilwel’ilizwe lethu kulobhubhane wesifo.
Mandisithele madoda hleze kuthi kanti
ndichukumisa ihasa.