Ayomali endinayo ayizozinto
Endinazo ayondawo endikuyo
Ubuntu yichubeko esengqondweni
Yindlela ozevezangayo kubantu
Yindlela ozihlela ngayo izinto
Yindlela ozazi ngayo wena
Kuqalo.
Ubuntu kumanyana kweethu
Ma-Afrika kukwabelana
Kwethu ngesinako sibambane,
sihloniphane, sibemntu mnye
Ubuntu kukwamkelana kwethu
Sive ngazwe linye kukwahlulelana
Ngesinako, sisetyiselana
Esikwaziyo siqumane sifihla
Ubuze bobuzwe bethu
Sibuncothule nengcambu
Ubudlobongela, nobukulana
“Whatso xa ungubani ke wena?
NdinguBubele, uchulumanco
Umonwabisi wakulo Zenande
Ma-Afrika uzwelakhe
Ulithanda kwakhe
Ukutsho oko ndiphuma
Kulo mzwencebai uzanothando
Ubantu-bonke simanye
Ndizalwa yinto ka buntu
Unozala wamadune nomathokazi
Unozala woxolo nomanyano
Lowa ngumnombo, ingcambu yo
Buntu.