Inene ubuhle bekhiwane zimpethu
Ndithetha ngenzwakazi emanzandonga.
Into echul’ukunyathela
Into ethi xa ihamba kukhal’abafana.
Bambi oxam baphaxulane ngaye.

Besilwa oku kwengoonyama emiqolombeni
Ubave xa bembiza besithi, “Dudlu ntombazana, dudlu kanombhelwana, yheyhi wena othwabazayo onobuso obutuku-tuku okwetomato. Uyoko-yoko njenge zitiki zakuthi,”

Kanti lomazwi amsa kwantshabalala uNonzwakazi.
Bamdlale rhabaxa oku kwamabhoko-bhoko.
Besithi guga S’thebe.
Kodwa namhla babona ubufebe.

Bujike ubuhle kuNonzwakazi bufane nencidi yekhala.
Akhale esofelweyo atsho ngezonyembezi zifana nomjelo wengxangxasi.
Athi akwaba, kube sekukwabekile.
Bamjikele oxam oku kwesikhova ebusuku.
Bamenze intlekisa bathi, “Nam sendisuka.”