Kunamhlanje nje silwa sodwa!
Kuyoze kube nini na sidlala ohlohlesabo?
Kuyini na ukukhohlakala komntu kumntu?
Bambi bafundile kodwa abafumani misebenzi
Ngenxa yolu rhwaphilizo.
Kanti zatshonaphi na iinkokheli zokwenene?
Kanti baphi abenzi bokuhle?

Kothi ukuze kulunge kubekhona urhwaphilizo?
Kanti eli lizwe lisingisephi na?
Hayini ndiyakhuza kuwe mlisela nawe mthinjana!
Kunamhlanje nje umnombo wesizwe sakuthi uyacima.
Ngubani na oya kubaluncedo xa ungenakunceda!
Ngubani na oya kuyazi intliziyo yomnye xa unekratshi!

Hayini bantu boMzantsi Afrika konele!
Siyakulufumanaphi na ulonwabo xa sifundela ilize?
Wobeva bethi uvelaphi lo asimazi, hayini!
Kunamhlanje nje bafa bezimpula’zikalujacu!
Masimanyaneni sizwe somthonyama!

Ubom obungephi!