Kukhe kwakrakra
Kukhe kwamuncu
Ubom bukhe bashwaqa
Inene umzingis’ akanashwa
Ndiwanyathel’ ameva
Ndiyinyukil’ iminqantsa
Ndigudl’ amaxethuka
Ndawagudl’ amawa
Ndaguguth’ amathafa
Ligqekrezil’ izulu
yabanek’ imibane
Izandyondyo zemvula ziphelele kum
Ndiwanyathel’ ameva
Ndingenambanguli
Iliwa belibhek’ umoya
Inene isinamva liyabukwa
Intluphek’ indibhexeshile
Bendibuphatsha ndimthuqwasi
Intluphek’ ibhalwe ebusweni
Ithemba,umonde kanye
nokuzingisa ngundoqo.
Bhinqa unyamezelo
Wombathe uxolo
Lento ibubom ngumzamo