Intliziyo yaphukile,
Izinto zindigqibile,
Ndiyazama akuzameki,
Ndibangathetha andivakali,
Miqobo endiqobileyo,
Magqab’omthi ka Qamatha,
Moya wam ndikhokele,
Bomi bam bokwenene butshabalele ndisazelwe,
Thixo mdali nceda kungonakali.
Amehlo abengongaboniyo,
Ilizwe limnyama ligqunywe yinkohlakalo,
Nkohlakalo edalwe ngumona nesiziba sengqondo,
Kodwa ngenye imini nam ndizakusuka
Kulengxubakaxaka, kuba ndisingise apho bangaziyo kwilizwe loyolo.