Sendilicelile uxolo kubawo.
Nezenzo zam ezimbi zemka nomlambo wegazi elixolela izono.
Namhlanje mama ndilucela kuwe uxolo.
Ndima phambi kwenginginya ngokholo ndithemba,
Uyakundirhabulisa kulomthombo woxolelwano.

Ewe ndisuka kude ebubini vula indlebe umamele.
Ndandinguguluva owaziwayo ubungenakugqitha kum ungamiswanga, esempokothweni ingathathwanga.
Ukuba uyasokolisa imela ingakutyanga.
Ndingenantanga kule job yowisa abantu, elam igama besoyika nolibiza.

Ndisayikhumbula nalamini ndandixuthela ixhewukazi imali yenkam-kam,
likhala licenga kuba belingatyanga nayizolo
Nabazukulwana bajonge kulo.
Ndandinganakanga ndifuna endiyifunayo kuba imali yayingumhlobo kum.
Ndiyakubulela bawo wandiguqala kweso simo.

Wandenza owakho umtwana nanamhlanje abantu Abakakholwa.
Isininzi simanukwenza usebesebe.
Bendicela uxolo kowo onke amantombi endazithathela kuwo ngodlame, ndisithi xolani kuba Umdali
Wayelapho naye.

Bendicel’uxolo kubo bonke oomama
Endabamoshayo ndisithi ngxee niyazi usathana wayehamba ngenyawo.
Bendicel’uxolo ngako konke mzali kwezi ntsuku
Zincinci zokuphila.
Ngedolo ndiyazithoba.
Thula mama ndicela uthule tu.