Sithandwa sam ukube ndanditshilo ngabe asifikanga kwelinqanaba.
Sendimana ukuziduduza ngelithi ubungadalelwanga mna.
Enyanisweni wena ubunguye uthandiwe wentliziyo yam kodwa amanzithinzithi obom andenza ndakulibala.
Bendithi ndizawubuyela kuwe ze sithethathethane kodwa uloyiko lwandenza ndathula.
Lwanduvala umlomo ndangakwazi nokukhupha amazwi othando.
Enyanisweni intliziyo ibifuna ingxaki ibiyinyama nengqondo ebezinemibuzo engapheliyo.
Uthando entliziyweni belukhona kodwa inyama ibilwisana nayo ngelithi amadoda awananyaniso.
Namhlanje ndinongquzulwano ngaphakathi kwam.
Sendimana ukulila isililo esingabonwa mntu, ndinalizwi linye kwintliziyo yam lizwi elo lithi akwaba ndanditshilo
Eyona ngxaki ndithi akwaba sekukwabakile sele umfumene ongcono kunam
Sithandwa sam ndiyazi uyaneliseka apho ukhoyo, kodwa sithi isintu abake babonana bayophinda babonane.
Bendizimisele ukuba nguNomathemba noThembekile wakho ubom bam bonke.
Bendizimisele ukuba ngunonyaniso kolwethu uthando kodwa ndibe yinkukhu esikwe umlomo usephambi kwam.
Namhlanje ndinesingqala ndithi akwaba ndanditshilo kodwa konke oko kufana nje nomdlalo kuba awusekho wena.
Sithandwa sam ndisazimisele ngokuba ngumhlobokazi wakho, uze undikhumbule.