Bendilixelegu lexaxavithi, wandenza ihomba
Bendilinxila ndinxenxeza watyala ubunene.
Bendithetha kuthethwa ndinguzwilakhe, wandifundisa ukululama
Bendiyinkomo edla yodwa noxa indlala inamanyala Mzantsi
Wakhankanya ukuba umntu ngumntu ngabantu
Bendingasifaki kwaphela isandla kummi womzantsi
Wakhanyisa ukuba isandla sihlamba esinye

Bendiyilaankomo inetshoba inganqandwayo
Wahlwayela imbewu yokunqandeka
Bendiyibhokhwe ndiwantsiba amanzi
Wandinika dondololo ndaweva amanzi
Bendiyintaka enqandwa zinkwenkwezi
Kanene intaka ibhabha phezulu
Ibuye izokusela amanzi ezantsi
Bendiyinkwenkwe eyindoda, gxebe benditshitsha
Wandikhuza ukuba ndiyindoda yoqobo edla amasi oqobo
Ilumele ngomphokoqo odidiyelwe kuqoboqobo

Xa bephawula lenyanga yamabhinqa, mna ndiphawula wena
Xa bebhiyozela usuku lwamanina, mna ndibhiyozela wena
Xa bethetha ngamagorhakazi, mna ndithetha ngawe
Xa bekhankanya onyawo ntle,andikulibali.
Xa beshukuxa ngompatho-ntle,andikuvalali.
Xa behlaba amahlongwane ngontliziyo ntle,andikuvaleli.
Xa beconga bencoma indima nenkxaxheba edlalwe ngamanenekazi
Mna ndincoma ubuhle balendoni yamanzi
Xa bexhoma izandla bebongoza bebulela kuSombawo
Mna ndiguqa ngedolo ndinqule uQamata wamaqaba
Ngelithamsanqa lingaka ngendlovu andenzele lona ngawe Mbelukazi

Sithandwa sam nditshate kathathu ngemini
Nam ndizokuthanda kathathu ngemini
Ekuseni, emini, ebusuku ndakuthanda
Sithandwa sam uthando sisonka semihla ngemihla
Nam ndizokuhlonipha ndikuthobele imihla ngemihla
Sithandwa sam ndicela undibambe ngesokunene amalanga namalanga
Kuba ndijonge empuma nasentshona langa
Akekho ongafaniswa nawe lonke elimiweyo
Masithandane, masithembane, masixhobisane kubenjalo