Igxogx’ ithob’ ungxanw’ ebantwaneni
Ngamanye amaxesha amanzi ayinto yolala
Uzalise ngayo amathumbu. Ikhandlela lenziwe
Amafutha okuthambisa umzimba, ufinya futhi
Yena isesona sibane sasikhanyisa ngcono kunezinye.
Isichatha mahashe isisiqholo sokuthintela
Ivumba emakhwapheni.

Izihlangu zona iyinto yokunxitywa xa usiya
esikolwen, ecawen kunye nasedolophini.
Inyama isisidlo sokutyiwa mhla kwakho
amandwendwe, okanye kwakuba khona
umdyubha ofileyo. Kwanqongophala izifundiswa
kwanda abelusi nomahlalela. Kwakungekho mpakamo
kodwa kugquba ubunye noncediswano.

Kwakujikeleza ekuhlaleni izitya neepheyile
kubolekwana iimbotyi nomgubo. Edolophini
kusiyiwa kanye kwakupeywa qha. Nezimuncu
muncu ke ngokunjalo zifumaneka ngelolixa
uyakuphinda ke uzifumane kwakupeywa futhi.
Iitapile nekhaphetshu, wawufana notye inyama
wakutya zona. Okona kutya sasisele sikwazi yisuphu
ekuthiwa-nguJabula engxengwe ngamanzi.
Indlala eyayibomvu yazala amasela, neendlavini.
ebunzimeni sazuza nto thuba lembeko neentlonipho
kwaphandle ke ngemfundo kuba kwakungekho
zixhobo zaneleyo zokufunda.