Aah Mthuze!
Aah Mthuze!
Ndithetha ngo P.T Mthuze
Ndithetha ngoTshobisa
Int’ethi xa ihamba phaya icinga ngosiba
Int’ethi xa ingenz’into icinge ngokubhala

Uwathathaphi na amandla?
Usithathaphi na isibindi?
Ubuthatha phi na ubuchwepheshe obungaka ngolulwimi?
Ubuzakubethwa ngubani na xa uzibhalele eyakho incwadi?
Ubuzakuzondwa ngubani na xa uzithathele owakho uDingezweni?

Bemnkile OoRubusana mfondini!
Bemnka OoJavu !
Ewe kude kwemnka nento kaMqhayi

Qhubekeka usenjenjalo mfondini !
Qhubekeka ubambe olosiba lwakho
Sowuhambile kwaye sowuzakufika apho uyakhona kwedini
Isandla esihleliyo sidla ukuhlala !
Zemnk’inkomo magwalandini!
Any’Amathole makwedini!