Buyixikixile bayixathula buyixovula impilo yam yade yamaxongo, ndizamile ukuqh wanda ndigqutheza kanti ndizixhola ngomhlab’emehlweni, ndizamile ukuwatyikitya kanti kukuphuma kwam endleleni eya empumelelweni, suke ndaduka kukuphuthaphutha isity’ebumnyameni.

Iqengqelekile iminyaka ndityumpa-tyumpeka kwesosithoko-thoko sobumpumputhe obungena kukhanya, ndiyiqhubile le nkqwelo yobu bomi ndingena mkhinqi ndihamba ndingqubeka ndibenamaqhuma, intlungu nezivubek’ azindenzanga ndawuqalekisa lo mhlab’omagade ahlabayo koko zindenze ndomelela.

Ndiwuhlabil’umkhosi kokhokho ndicela ndingxengxeza naku ‘Qamat’umveli ngqangi’ kodwa obu bomi buqhubekile buyixhaxha, buyixhaphaza buyihlakaza yade yadlaka-dlaka Ooh! Kazi koze kulunge yini na?
“Ndiqalile ukuzibuza imibuzo engena mpedulo ndibuphelelwa lithemba.”

Lifu ndin’elimnyama phezu kwentloko yam uyoze usuke nini na? Yini na ukundicinezela ngesimnyama esingena nyanga, yini na ukuwatshabalalisa ngoluhlobo amaphupho am?

“Ingaba ndim na olahle ithemba okanye ndidukile?”