Ndisuka apho oomama abadala
Bebizwa njengamagqwirha kodwa
Bengenatyala
Ndisuka apho amakhwenkwe atshaya khona
Bengasikhathalele isikolo
Ndisuka apho ke!
Ndisuka apho ootata abadala noobhuti
Abadala bekhuthaza abantwana kwihambo
Zabo ezimbi
Ndisuka apho ke!
Ndisuka apho kunxila khona ootha-tha-tha
Kutshaya khona oothwe-thwe-thwe
Ndisuka apho ke!
Ndisuka apho kugxekwe khona abantu
Kodwa kukhonzwa khona abantu
Ndisuka apho ke!
Ndisuka apho amantombazan “sell themselves” kuba befuna imali
Apho kulapho ndisuka khona
NY 43 eGugulethu