Ukukuphila kumzimba wonke.
Ukwangumcebisi kumalungomzimb’ onke.
Uwanik’ amandlonke.
Azingombis’ fuba ngawe.
Abonigorha kuwe.
Ntliziyo umhle wena kodwa.
Uzis’ khanyo noncumo lodwa.
Bakubek’ amabalamabi odwa.
Bekwathi wena ungomkhohlisi.
Bambi bakubiz’ umlahlekisi.
Kodwa utyal’ uthandwembilinini.
Ubonokuhl’ ebubini.
Ulikroti lweemfazwe zasemzimbeni.
Uth’ omdala makabesebumcinaneni.
Aziv’ eyingelosi ebudaleni.
Ntliziyo abanawe banobubele, nolulamo.
Bangamalungis’ okwenene.
Abahananisi, bampompozuxolo.
Bangamanz’ ancasengapheliyo.
Kungoko ndibon’ isiphesihle kuwe.