Nguwe! Nguwe Ntyatyambondini, thol’endin’elimandzandonga,
Gqiyazan’elimandzandonda kuw’andzongo-ndzong’amanzi
Wena usis’diliy’esimiliselw’ entabeni kumz’ongenakufihlakala
Uyawaphanyaz’amehlo wam ngob’ulikhwezi lokusa.

Uyakhazimul’okweLang’emin, ukhanyis’okweNyanga kuhlwile
Ah! Ntlakohlaza, ububuhle bendalo, igam’elithi Buhle belingekho
Wazalwa wena kwatsho kwabakh’igam’elith “Buhle”
Uyintyatyamb’entl’eveth’ukuchuma kwembewu yestiya sokukhanya. Umhle Ntyatyambondini!!