Aah Dalibhunga!
Aah Dalibhunga!
Nkunz’abayikhuza ukuhlaba ingekahlabi!
Nkunz’engoyiki ngokoyokiswa
Ndithi aah, Yem Yem
Wena owadibanisa esimnyama nesimhlophe sahlangana!
Wena walwela abamnyama ukuze nabo babemhlophe
Wena owaxolela ukuya kooma Roben Island kuba ufuna silingane!