Ikati ilele eziko kazi kothiwani?.
Izisu zithe nca, amathambo avele ngaphandle.
Umlomo ulilitye ukoma.
Amehlo angaphandle.

Usisifo ukubulala.
Uyinyoka ukulinga nokukhohlakala.
Ulugquthe ukuphatshisa nokuphaphathekisa.
Ohh kode kubenini kunje?.

Yintoni na umsebenzi wakho?
Ewe uninzi ulubulele walutshabalalisa.
Uyichithile imizi emininzi. Uludalile uchuku kumakhaya amaninzi.
Wayidala inkohlakalo kubantwana.

Mingaphi imiphefumlo oyithathileyo?.
Luphelile ulutsha lakowethu luthengisa ngemizimba, lubulala, lugebenga, luseba kuba luthi lugweba wena kodwa uyincimbi inkani.
Abaninzi bagcwele emajele babethi bazama ukugxotha wena behluleka, ngoba awuva.
Kanti uyintoni wena?

Baninzi bagula zizifo zentliziyo ngenxa yongazi kolalwa kudliweni.
Uloxuthile uthando ebantwini
Wasehlisa isidima kwabaninzi
Kwaphela intlonipho phakathi kwabantwana nabazali.

Kazi iphi imisebenzi?
Kazi sodlani?
Wena kaloku awuvani nemali ithi yakubakho ubaleke okwesela libhaqwe lisiba, yakungabikho ubuya uhlasele okweNgonyama zihlasela abatshutshisi baka Daniel ngenxa yokungabinamvikeli.
Kazi mali uyoloko uphi?.

Lirhuqekile ilizwe lethu, lisiwa livuka lizama ukususa iKati eziko ngembonelelo zezimali kodwa unenkani.
Umhlaba awukho, okhona womile, awanelanga
Imisebenzi ayikho, ekhona inemibala, nohlobo legazi, nemali xawungenazo awuvumelekanga.
Kazi kode kubenini?.

Uyala ukuphela ndlala
Awuvumi kuthula, bendithi awukwazi kuthetha, kodwa ndimangazwa ngamazwi akho ankenteza ezindlebeni zam esithi kooo ndilambile.
Kazi sothini na kuba isisu asikweletwa.

Akusalaleki nguwe
Akusekho konwaba nguwe
Akusekho thando namfudumalo nguwe.

Unzima uyasinda
Bangqinile ooMpostoli uPawulosi besithi yintoni na engasohlukanisa nothando lukaThixo, ingaba yintlupheko, indlala, nokufa? Nakanye ke, kuyacaca ukhe wazama nokulinga UThixo kodwa soze ulunge kuba akalingwa ongaphezulu.

Awuzulunga kuthi sonke
Uxakile ewe kodwa kukhona abangaxakwa.
Konele ngoku goduka
Konele ngoku sizosebenzisa izandla zethu sithembe kophezulu
Liphelile ixesha lakho zifikile imvula

Konele! Konele!