Kumzi kaPhalo
Kumzi oMnyama
Kumzi oNtsundu
Ndiyintoni nah mna?

Ndizijule ujacu ndikhangelana nento ekuthwa luthando
Ndikhangelana nolonwabo
Ndikhangelana nentwibilapha

Kuko konke ukuzama kwam
Kundibeke phi?
Kundenzele nton?

Imilambo endiyiwelayo ifuna ukusela kum
Kaloku bendihlala ndicinga ukuba ndilidama
Kodwa idam’elinjani elifunwa yimilambo
Dam’elinjani elifunwa ngamalwandle?
Ndiyintoni nah mna??

Elidam bendicinga ndililo
Alitshi ngamalanga
Aliphephethwa yimimoya
Koko liyagcwala;liyaphuphuma
Ngamanzi acwengileyo
Ndiyinton nah mna?

Ndiyintoni nah mna?
Umntu othe wangcamla kwelidama lindim
Ufuna ukuhlala azinze
Azenzele nomzi wakhe
Uncamela ukushiya imilambo nengxangxasi zabo Kuba befuna ukusoloko enam

Ndiyintoni nah mna?
Ndiyintoni nah mna?
Ndiyintoni nah mna?

Abaphathi bam bambi baguqa phambi kwam
Abachasi bam bambi bafuna ukubazizihlobo zam
Bafuna ukusoloko bethene nca nam
Ndiyintoni na mna?