Ndikhulel’esonweni, umthetho wesono
Wabuthum’entliziyweni yam,
Ndenz’okugxwenxa phambi kobuso bakho,
Besingekho isazela, isono siphila ngaphakathi kwam
Bekungekho nto indinqandayo, konke phambi kwamehlo wam bekukhangeleka kulungile
Ingqondo yam igcwel’inkohliso,

Ubumnyama bebuyithathile ingqondo yobulungisa bam
Ndenz’okugwenxa phambi kwakho
Amaqhinga wenamba eyifuthamisel’ingqiqo yam
Kambe eyifukamele intliziyo yam
Besingaphil’ isazela sam, intlambuluko ingekho kuvimba wolwazi lwam

Uxolo bendingalazi ukuba limiliselwe kweziphi iziza
Umzi-mveliso wentobeko nobulali ebefihlakele kum
Ubulungisa bebufana nezinyo lenkukhu kum, bunqabile.
Konke ebendikwenza, bendikwenza ngenxa yokungazi,
Bendingalazi ukhanyiso lwakho,
Ndihamba kubo kanye ubumnyama.

Bendingazi Mveli-ngqangi ulikhaya lento zonke ezilungileyo
Bendingazi usisityebi ngenceba, kambe uluthando noxolo
Bendingazi kanti unguMalusi olungileyo
Ndixolele ke nyange-lemihla, hlamba konk’okubi entliziyweni yam
Yiba netarhu kum mna moni,nangako konke endikwenzileyo.
Wethembekile, ulilungisa ukuba ungandixolela kuko ukungalungisi kwam.
Yiba nenceba kum mna moni! Yiba netarhu kum ngako konke okubi endikwenzileyo!!