Molweni zihlwele,
kukho nto ithile apha kum
ithi makhe ndibhale lombono
nam ke ndazeka mzekweni
ndenjenjeya ndityibilika ngosiba .

Ndithunywa ngumoya, ukuba
nguMoya olungileyo okanye
ongalunganga nawe ke sihlobo sam,
uyakusala uzetyisela.

Ngokunyawuka ke nam,
ndalozela nto,
Ndafana ndafumana nto, mayana
kuba ke kaloku umntwana Ontsundu
wonke uyafana kuba thina Siphuma kwaXhosa.

Ize ithi ke lonto thina singamathol’alendawo,
Singamathol’anyong’nde kukudlelana.
abantwana bomthonyama,
abantwana benzaka.
Maz’enethole kuloondawo!

Ndiningcazele zwi endiliphetheyo kulenxili,
Kuthwa mandinixelele ukuba umzi kaXhosa
Uyabuyelana, izizukulwana ziyakunyathela apho
bawanyathela khona ooBawomkhulu ameva abuna.

Intsusa neentsingiselo ngamantsintsintsi,
Ungandibuzi ke ukuba abhekisele phi.
Nam ndibeka endikuthunyiweyo.
Ukuba ndithunye ngubani kusini na?
Ndiba ndiyibekil’induku ebanzi kwantlandlolo,
Kunjalonje nelizwi sele ndilifumanele ungqameko.

Xa sele ndibeth’amabal’engwe,
ngamafutshane amazwi akwaXhosa.
Ndiqwele ndixel’umgweb’omkhulu
uSokhetye, ah Mhlekazi!

Ndiyintonga ephuma emgqubeni
Kuba andinazo ncakasane iintloni
Kuba ndiyazidla ngesiXhosa.
Makubechosi kubehele kuba
simnandi isiXhosa. Camagu!