Ndisuka endaweni apho iziyobisi zidlal’abantwana
Apho kungekho hayi khona
Apho ufika endlini utata, mama nonmtwana benikezalana ngecuba.
Ekuseni kuvukwa emini maqanda nditsho nangokuhlwa, ndibala ntoni na!

Ndisuka endaweni apho umlo nokubulalana ingumdlalo nento eyonwabisayo.
Ethi xa yenzekile ubone benga thethisani bencokola
Ethi xa isenzeka abantu bashiye iimbiza baleqise

Ndisuka kwindawo apho oonyana bangena emizini
Bathathe abakufunayo ngaphandle kwemvume yomnini mzi
Bazithengise ukuze bafumane iziyobisi
Apho oomama abangenabayeni baba ngama cham wonyana

Ndisuka endaweni ekuthwa yi Heinz Park
Gama lini khona elo?