Ndivuka mihla nezolo kubanda
Kungabandi, kunetha kunganethi
Kutshisa kungatshisi, kumnandi
Kungemnandanga ngoba kaloku
Ndinxanelwe ulwazi.

Yiyo ke mawethu lento ndivuka ndinyikinya
Amehlo ndinyikinya ndisiya ngakhona.
Yiyo lonto ndithi ndixukuxa ukutya kwayizolo
Emazinywen’am ndibe sendingaphakathi
Emasangweni esikolo.

Yiyo ke lento uyakundibona ndizifihle ngapha kwe ncwadi noba lixesha lodlala.
Yiyo ke lento zihlobo uyondibona ndichola chola
amaphepha ndiwafunda noba amdaka.
Ngoba kaloku ndinxanelwe ulwazi.

Khumbula Mzantsi Afrika ukuze ube
ngumntu ebantwini yiba nolwazi.
Ukuze ube ngumtsali mehlo yiba
Nolwazi, ukuze uhlonitshwe
Lilizwe yiba nolwazi.

Kodwa ke uze ukhumbule ukuba noba
Ungabanolwazi kangakanani na kodwa
Bakhona abakudlulayo.
Noba ungathi ufunde kangakani
Akhona amaqaba akogqithayo ngolwazi.

Yiyo lento mawethu kusithiwa
Ungekafi nje awukazuyeka ukufunda.
Ungenguye uThixo nje awazi zinto zonke.
Ungekafi nje usengumfundi osakhasayo.
Ungekafi nje awukazi nto.

Mandithi ndikushiya ndikushiye nalamazwi
Noba umdala, noba ufundile wathwala izidanga
Kodwa mandikuxelele awukafundi.
Noba unganemali kangakanani kodwa awukatyebi ngolwazi.ngoko ke mawethu masihloniphane.

Sumjongela phantsi umntu oliqaba, umntu ongafundanga ngoba ingenzeka unolwazi ngaphezu kokuba usazi, ingenzeka ufunde ngaphezu kwakho
Wena uthwele isidanga.
Kungenzeka utyebile ngaphuzu kwakho ngolwazi.