Inzwi madoda nanku’mntu entungo.
Ndicela nindibolek’iindlebe kaloku zidwesha
Nani zidwangube zakokwethu. Ndivumeleni
Ndiphose noba mabini mathathu mabandla
Akokwethu.

Ndikhe ndithethe ndithi ndinqwenel’ ukuba yimbongi.
Khon’ukuze ndinikhumbuze, Kaloku endalweni asinikwanga,
Ngokufana, asingenanga ngasango linye,singene ngeli,
Sayakuphuma ngeliya.

Ewe kaloku inja eland’umkhondo,
Iyantyontyela, kanti ngakhwelo linye
Ebanjw’ibele imazi iyehlisa. Mathol’anyongande
Kukudlelana, kakade le nto ingumbona imnandi ngochubelana.

Bendibe ndithe kwantlandlolo, ndinqwenela ukuba yimbongi.
Ndinihlab’imibuzo, nditsolise. Ayaphi na AmaXhosa?
Athi akubeka amazwi elandelelana kunyuke into ngomqolo,
Iqabele emagxeni iphuhle, iphume ngomlomo.

Ewe kaloku kunamhlanje nje siyathumisela,
Sinika ilithe bantwana bethu, bantwana bomgquba.
Mamelani ukubekwa kolwimi lwakokwethu,
Nive ngeendlebe kunyakaz’igazi, kushwabane
Iindawo zokuthanda (Ngqashi).

Ngoba kaloku umntu ngendalo
Wanikwa, wanikwa ukuze anike abanye.
Kunamhlanje nje bazali bam ndiyakhweleta.
Ngoba Kaloku isiXhosa sakokwethu makwedini,
Sasidla ngomthombothi, sasidl’esicakathini,
Sasinikwa ngomnqayi sapuma sasimelela ngomnquma.

Ukuze indlela esiyihambileyo ivuleke umzila,
Ozigingqi, ozigingqi ezindonga. Ukuze kaloku
Kwakuza abalandela ngemva kwethu, babone
Apho sinyathele khona.

Kakade inyathi ibuzwa kwaba phambili.
Xa bemfamekile abangaphambili, ibuzwa
Kwabayibonileyo. Nyathelani ke ngeenyawo
ezineentsimbi, khona ukuze umxhondo ungaduki.
Senditshilo!