Mama wam mama wam
Owu ndingathetha ndithini na ngawe
Ndingaloqa ndiphele phi na ngawe
Ndinjenjenje ngumama

Uliqhawekazi kum nakubani na
Now I am a teenager, bendiqale ngokuba ngumntwana
You are a single parent kodwa ayicaci lonto
Ukwalilo nexhego ngamava
Ndinjenjenje ngumama

Lilolo inkomo edla yodwa
Abunoqolomba efile nje
Yondla inja uyikhulise iyakukukhusela
Kodwa yonga umntu umilise uyakukulimaza
Ibhabhathane lazitshisa esibaneni lifuna oku kukhanya
Xa ndiyekelelwa nguwe ndophalala njenga manzi

Ngaloo mazwi ndiyabulela Bhayi ka Khetshe
Ahh Msuthukazi
Ndinjenjenje ngumama