Ndicela undimamele
Emva kokuba ndakukhulisa kanzima ngaphandle kotatakho,
Andingethandi ukuba ndikufanise naye kwaye ndiphulukane nawe ngalendlela,
Nam ndandikhe ndazihamb’ezindlel’uzihambayo,
Suk’isimilo sophuka,
Unozala ndimthuka,
Ngelithi ndisadl’ubutsha bam,
Azange ndiphelele ndawo,
Yilonto ndikubongoz’uba
Buyis’unyawo,
Nyana ayikabiyiyo
Noko le uyenzayo,
Buyis’unyawo
mntanam uyazibon’uyatshabalala?
Andithi sukusela,
Kodwa sukuselel’uqwela,
Mus’ukuselel’unxile de ubengathi utywal’uyabothuka,
Mna andikakufun’ukulila,
Andikakulungel’ukukunxibel’izila.
Ndayakucela bhuti zam’utshintsh’iindlela.
Yek’esisiqalekiso singade siphele sikusela,
Kuba ubeke sakuncamathela,
Uyakuba sisicaka kuso kude kube kuyaphela,

Nqandeka,
Zifundis’ukothuka,
Yaleka,
Uzakulimala,
Kukangaphi ndikusindisa kwimela?
Ndikuhlangula,
Andikushwabuleli
Koko ndiyakoyikisela,
Kaloku ndiyakuzala,
Ndimdala,
Le’mikhuba uyigilayo,
Nam ndandike ndadlula,ndagila kanti ndigila intw’ezakundiwela,
Phula phula, mntanam andikulwisi koko
Ndiyakuyala.
Yaleka ndiyakucela,
Sele ndiyintlekisa ngokwaneleyo emphakathini,
Yekelela okungcono kuselel’aphe ndlini.