Umna ndim
Onolwazi olubanzi ngam ndim
Onenkcazelo ecacileyo ngam ndim
Ingaba xa ndinothi ndingumntu wabantu ungandikholelwa?
Inkangeleko yam ixela ubumna
Intliziyo ke yona iyandazi mna
Isiduko Sam siyandi krobisela
Imvelaphi yam, iyandi xhobisa andisayi kuzulisa
Ndim uMxhosa.