Ndingayintoni ngaphandle kwenu?
Ndingayintoni ngaphandle kwakhe?
Ndingayintoni ngaphandle kwalo?
Ndingayintoni ngaphandle kwaso?
Imizamo yam iyakuphelela phi na?

Injongo zakho kukundonwabisa.
Izenzo zakho ziyandikhuthaza yaye ziyandomeleza.
Imizamo yakho iyakuphemelela ,
Kodwa ndingayintoni ngaphandle kwakho?
Inene ingwe izingca ngamabala ayo.
Uliphuculile ikamva lam, nam ndatsho ndabona.
Ubususile ubuthuku emehlweni am,
Nam ndatsho ndambenjembenje oku kwe ntyantyambo zentwasahlobo.

Enkosi ngengqeqesho nobulungisa bakho.
Enkosi ngemfundiso nothando lwakho.
Enkosi ngokundifundisa ubuntu,
Ukuthobeka kunye nokuthozama.
Ndizinzile yaye ndifukame impumelelo,
Injongo zam kukuyihlwayela kwisizukulwana sikaQamata khona,
Ukuze baqhame bande.

Inene umntu ngumntu ngenxa yomnye umntu.
Undivulele amasango nam ndatsho ndaxhamla.
Undenyulile kwiingxondorha nezigigaba zalomhlaba,
Ndatsho ndafumana ukuphumla.
Ndingayintoni na ngaphandle kwakho.

Qhubeka usomeleza yaye usikhuthaza.
Qhubeka usikhusela yaye usikhankanya naku Faro.
Jingxela usiya ngakhona kuba,
Akukho apho kunjani ndawo zonke,
Ziyafana yaye indlovu ayisindwa ngumboko wayo.
Icacegca okwe kati emhlop’ ehlungwini , into yokuba ubuntu
Yinto yakho yaye ndibona ingathi sisonka sakho semihla ngemihla ngoba ,
Wasoloko uthechuu uchula ukunyathela.
Bendingayintoni na ngaphandle kwakho.
Kowu! Bavumeleni abantwana beze kum.

Mandiniyeke hleze abanye ababhali bavuseleleke.
Mandiniyeke hleze amathambo alele,
Ukuthula achukumiseke,
Ndingayini kubafundisi ntsapho ngoba induma zam zingaphambili.

Ndegram ndengcingcilili iyhooo!
Larhosha irhamncwa