Ndiliqab’eliyiqab’imbol’iqhume
De libempovu kuqhunqa.
Ndiliqab’elakhuliswa ngeenkobe,
Ndigutyelw’etyeni
Kudutyelw’inembe
Ndikhule ngamanz’omngqusho
La nina niwabiza ngoba si-starch namhlanje.

Ubona ndinje nje
Ndikhule ngeenkobe,
Ndiphothulelwa,
Ndisengelwa,
Ndibuze ngamaselwa,
Hayi lovob’utyisw’intsana zethu kulemihla
Mna ukuhamba ngaz’andikothuki,
Kwaye andikoyiki ndikuqhelile

Ndiliqab’elikhule ngamarhew’ekseni
Ndisbeth’isisu siqine
Nditsal’ezam’iinduku
Ndibhul’umbethe
Ndithwabaza ngeenyawo
Khawube nombono
Wenkwankca yevukazi lasebusika
Ndibe ndithyalel’imfuyw’ethafeni
Ndiliqab’elikhule lisenga,
Lilima, ligawula, liphekel’izinja
Zakuhlutha ndiyozingel’amahobe
Ndibuye ndipheth’umbeko
Ndiphethel’abantakwethu abasemva kum

Ndixelele ke ukuba laliphi ixesha lemfundo apho?

Ndikhule ndibethwa hayi nje kancinci
Zakungaphelel’esibayeni,
Andingen’eyadini,
Andilal’endlini,
Andiphakelwa,
Ikhaya ndilidlula okomhambi oze ngempilo
Isisu silele nca emqolo,
De ziphelele zonke emagcekeni ka Bawo.

Undixelele ke ukuba ungandifanisa nalama ethe-ethe athi akohlwaywa
Abophis’abazali konoontlalo
Ngelithi ayahlukunyezwa?

Ndiliqab’elikhule lingacekisi,
Mna umcuku, imifuno, umqa, isophu, intshongo, umthwibi, isonka samanzi ne pap’enetyiwa Ulumele ngamanzi, ezonto mna ndiyazazi.
Ndimngaka nje nditufu-tufu amanqath’exak’izihlunu ndenziwa zizo

Ndikhulisw’engenkonzo
Nonqula kuQamata wokhokho bethu, ababizwa nge Minyanya
Ndikhulel’emzin’owenz’amasiko
Nothobel’izithethe zankwantu
Ndafundis’ukub’umntu ngumntu ngabantu
Ukuz’ube ngumntu ebantwini kufunek’uxabis’abantu.
Mna umkhethe andiwazi kuba kaloku ndakhuliswa ngothando,
Ngobumbano, ukusebenzisana kunye nokucingel’omny’umntu
Ndafundis’ukunced’omny’umntu ndingajonge nzuzo okanye mvuzo

Ndiliqab’elinengqondo yemveli.
Ndibuze ngezafobe nemihobe ebhalwe
Ngelenkobe.
Ndibuz’izaci namaqhalo hayi lenqalo
Indikhenqezis’ulwimi yezilwimi
Ngendiligez’elitsh’elivukwa yinkrenqe.
Ndiliqaba lebhekil’elithi wakunyuk’umqhele ndivum’ingoma,
Ndityath’eyam ingubo
Ndichol’eyam’induku.
Ndixhentse
De kugubhuke ngaseziko
Ndivez’obuqaba bam.
Ndiliqaba laku Qumbu
Lento bathi zii toys mna andizazi,
Ndibuze ngamalongwe, iinkomo zomdongwe kunye nemoto zamacingo,
Ndibuze ngokuqubh’emachibini, ukucwaya namany’amakhwenkw’emathafeni.
Ukuqing’iintonga gqiba ndiziqhusheke phantsi komgqub’ebuhlanti.
Ndiliqaba alingadinwa qhina

Ndithe kuni ndiliqab’elilel’eqhingeni
Lokuqambis’ubuqaba balo emagqabini.
Kwaye ndiyazingca ngobam ubuqaba
Ngoba ndingulomntu ndinguye nje namhlanje bobu buqaba.
Ndiliqaba!

Ulumke ungaqhathwa
Yilekhom-khom nalomkhaba, ankontw’ilel’apha
Ndiyanibon’anindikholelwa, jongan’olugcaba.
Mamelani mna, kholwani mna mnini wobuqaba ningahambi ninamel’indaba.

Ndiliqaba!
Phantsi kwesiqithi sika Nkos’uNdaba.
Kwaye ndakubalilo phakade de ndinwabel’uqaqaqa.
Ndiliqaba!
Ndiliqaba!