Zaqengqeleka inyanga oko ndijonge enkalweni. Zazi sihla zinyuka imoto namahashe, yayinga ndiza kumbona eveze oluya ncumo lwakhe.

Yayinga uzothi mfazi thatha nazi impahla uzifake endlini ndibuyile. Akhonto ibuhlungu njengoku shiywa ngumyeni wakho nabantwana.

Ugcinikhaya yayingu myeni wam sina bantwana abahlanu. Oko wayeye empangelweni. Mihla le yayingathi uzongena emnyango ndimange. Umoya wam wawu ngcungcutheka mihla le.

Ndaziva sele ndisithi, “Ndikhulule Jola.” Kaloku ndandi ngayazi noba aka ginywanga yiGoli na mhlawumbi wafumana umfazi wonwaba kwafika kwako kwabo na pha.

“Bendi cela undikhulule Jola,”

Ndihleli ndisifa ngumvandedwa. Intlungu engaphakathi kwam ayaziwa nangomnye umntu. Ndihlala ndilindele noba yileta echaza ukuba usaphila. Ndihlala ndithandaza umthandazo ongapheliyo. Ndikhulule kuyo yonke le meko ndikuyo.