Bathi inyathi ibuzwa kwabaphambili
Nam ndibuzile kwabaninzi
Kodwa kumnyama ebusweni benkawu
Khanindikhanyiseleni
Inkwethu isuswe kum emehlweni

YINTONI NA UTHANDO?
Bathi yimizwa engaphakathi emazantsi entliziyo
Bathi ngumdlalo phakathi kwesibini
Bathi yinto ebonisa ubuntu emntwini
Bathi ligama nje elingathethi nto
Ndibubhideka kanti sosa eyiphi kwasibonda!

LUVELA PHI NA UTHANDO?
Bath lusemoyeni
Bathi lusentliziyweni
Bathi lusengqondweni
Bathi yinto engekhoyo leyo
Ndibubhideka kanti sosa eyiphi na kwasibonda!

LELOKWENZANI NA UTHANDO?
Bathi luyakha
Bathi luyaphilisa
Bathi luyonwabisa
Bathi luyaxakekisa
Bathi luyakhathaza
Mna ndibubhideka kanti sosa eyiphi na kwasibo!nda
Le yintsinda badala
Khanindikhulule ndimi nematha…