Khwasululu ndothuka ndaphaphama kumath’esekhaya ndenjenjeya ukuya ngasese ndiyokham’intsontelo
Kweqwenge ndakubethwa yimpepho yakusasa
Gokro gokro ndakhohlela
Ndathi thaxa isiphuxa sesikhohlela esinegazi
Laphokoka lagxalathelana ukuphuma ndothuka ndajama ndentsho
Ndididekile
Elingaka hayibo
Ndasel’amanz’
Empompo ndeqabu
Hluthu
unomyayi
Ndabiza abongcedo lokuqala
Ndawutsho owona wakhe wanyaniseka umthandazo
Ndamcela ndambongoza u Gabriel angandithathi kwa ngoku
Ewe intambo iyasongeka
Ndimele okomzuzwana
Ndicela ungandi khwebi kwangoku
OkukaZuma ephepha ebaleka ukugwetywa
Wandikheba uMtyholi uba ndingowakhe ndahesha ndadunguzelisa
Nfazibona nengelosi zidumisa zivova zisenjenje
“Hlalani nilindile ngokuba ningalazi ixesha nalo ilixa,”
Ndanqul’ oCabashe oMasila oDikane
Nangoku ndibuyile esibhedlele
Ndilapha endlini
Camagu MaMpehle
Amen bazalwane nodade