Ndifike ndabuza bekuthiweni
Kodwa endaweni
Ndifumane impendulo ndibethiwe.
Ndifike sendimanga ndisithi
S’thandwa sam ndikukhumbulile
Kodwa wasuka wathi phakathi
Kwam naye kuphelile, eish.
Isingqala andazi noba mandilile
Kuba intliziyo yam yona yophuliwe.
Iinyembezi emehlweni zizehlele

Kodwa ke andinakunceda kuba
Ngeenkophe zam kudala
Ndizibambile ngoku ndoyisakele.
Ndenze njani khona sekuthiwa
Kuphelile bekutheni leyo yimibuzo
Engaphendulekiyo endizibuza yona
Engqondweni kanti kunje
Ukubasemathandweni!

Ingase ndinkqonkqoze emhlabeni
Wona uvuleke ndingene kuba ngoku
Amacebo aphelile.
Kugqityiwe intliziyo yam yophuliwe
Andiselilo tu iqhawe kungcono
Ndibeke inqawe kuba ayisahambi
Esiporweni eyam inqanawe.

Intliziyo yam yophuliwe.